Funda indlela yokufudusa, ukufaka okanye ukuhambisa i-Firefox kwisixhobo esitsha usebenzisa i-Firefox Sync. Bakuba uyivulile i-Firefox Sync yokugcinela ukhuseleko, nanini na xa utshintsha ifowuni okanye ikhompyutha yakho usiya kwisixhobo esitsha, uza kukwazi ukufaka i-Firefox ngaphandle kokuphulukana neengcombolo zakho. Iibhukhmakhi zakho, imbali yokukhangela, amagama okugqitha kunye neethebhu ezivuliweyo ziza kufuduka nawe ngokukhuselekileyo.
- Ukufunda indlela yokuyila nokubuyisela ifayile yogcino-khuseleko ukuba ukhetha ukungayisebenzisi i-Sync, jonga Restore your Firefox browsing data with a backup file.
Umncedisi wogcino-khuseleko
Ukuqalisa ukusebenzisa i-Firefox Sync:
- In the Menu bar at the top of the screen, click and select (or , in some cases).Click the menu button
and select .
- Cofa uze ke, ukuba kuyimfuneko, ungene kwi-Mozilla account yakho ukuze uqalise.
Sebenzisa isikhokelo esisebenzisanayo esingezantsi ukuze uqonde amanyathelo endlela yokufudusa iingcombolo zakho uziyise kwisixhobo sakho esitsha usebenzisa i-Firefox Sync.
Iingcombolo ozingqamanisayo kufuneka ziquke iibhukhmakhi zakho, iilogini namagama okugqitha, iidilesi, iindlela zokuhlawula, izandiso kunye neesetingi ezibalulekileyo. Ukuba iibhukhmakhi zakho azikwazanga ukuzaliseka ngokuchanekileyo, jonga Buyisela iibhukhmakhi kugcino okanye uzifudusele kwenye ikhompyutha.
Imibuzo ebuzwa rhoqo
Ndingazigcinela njani ukhuseleko iingcombolo zam ngokwam?
Ukuba ukhetha ukungasebenzisi i-Firefox Sync kwaye endaweni yoko uzigcinele ukhuseleko iingcombolo zakho ngokwakho, funda indlela yokugcina nokubuyisela ulwazi kwiprofayile yakho ye-Firefox. Wakuba ugqibile ukuzigcinela ukhuseleko ngokwakho, uza kukwazi ke ukuyibuyisela kwisixhobo esitsha.
Ndingazigcinela njani ukhuseleko iingcombolo zam kamva?
Ukuba awukwazi ukwenza ugcino-khuseleko lweengcombolo ngeli xesha, ungalwenza kamva kwimenyu ye-Firefox. La ngamanyathelo ekufuneka uwalandele:
- Cofa iqhosha lemenyu
kwikona ephezulu ngasekunene uze ucofe Cofa kwibha yeMenyu.
- Khetha kwimenyu.
- Landela amanyathelo akumncedisi wokuseta ukuze ugcinele ukhuseleko iingcombolo zakho.
Ndingenza ntoni ukuba ndilahlekelwe ligama lam lokugqitha?
Ukufikelela kwiingcombolo zakho ze-Firefox ezigcinelwe ukhuseleko, kufuneka ungene kuyo kwalaa Mozilla account ubuyisebenzisa kwisixhobo sakho esidala. Ukuba ulilibele igama lakho lokugqitha, kuya kufuneka ulisete ngokutsha usebenzisa izitshixo zokubuyisela. Ukuseta ngokutsha igama lakho lokugqitha ngaphandle kwezitshixo zokubuyisela kuza kuzicima zonke iingcombolo zakho ngezizathu zokhuseleko.
Zeziphi iingcombolo eziqukiweyo kugcino-khuseleko?
Kule nkqubo, sigcinela ukhuseleko ezi ngcombolo zilandelayo:
- Iibhukhmakhi
- Imbali
- Uluhlu lweethebhu ezivuliweyo
- Amagama okugqitha
- Iidilesi ezigciniweyo
- Iindlela zokuhlawula
- Izongezelelo ezifakiweyo
- Iisetingi ezikhethiweyo
Ingaba ndingakhetha ukuba zeziphi iingcombolo endifuna ukuzingqamanisa?
Ewe, ungakhetha iingcombolo ofuna ukuzingqamanisa kwinyathelo 2 lewizadi, ngokucofa ikhonkco leesetingi zebhrawuza. Ungakutshintsha oku nakamva ngokulandela amanyathelo akwi-Ndikhetha njani ukuba yeyiphi inkcukacha emayingqamaniswe ku-Firefox?
Niziphatha njani iingcombolo zam?
Xa ugcinela ukhuseleko iingcombolo zakho, imbali yakho, amagama okugqitha, iidilesi, kunye namakhadi etyala aqukiwe. Nangona kunjalo, asiluqokeleli olu lwazi kwaye luhlala lufikeleleka kuwe wedwa. Nalu uluhlu lwemibuzo ebuzwa rhoqo malunga nendlela esiziphatha ngayo iingcombolo zomsebenzisi.
Ndizingqamanisa njani iingcombolo zam ukusuka kwi-Android okanye kwi-iOS?
Jonga ezi zibonelelo zilandelayo ngokusekelwe kuhlobo lwesixhobo sakho esiphathwayo:
- Sync bookmarks, history, passwords and tabs on Android
- Sync bookmarks, logins and browsing history on Firefox for iOS
Ingaba ndingazigcinela ukhuseleko iingcombolo zam ngaphandle kwe-Mozilla account?
Ewe. Ungafunda indlela yokugcina iingcombolo zebhrawuza yakho ngaphandle kokubhalisela i-akhawunti ngokujonga amanyathelo akwi-Manually back up and restore Firefox profile data.